- Umhlaba wokuqala
- Iimpawu zokuqala zobomi
- Imilambo yegolide
- Ihlabathi elingumkhenkce
- IOksijini yokuqala
- Yehl’intlekele!
- Amaqokobhe/oonokrwece bokuqala
- Izityalo zongamela umhlaba
- Ukufika kwamacikilishe angamagongqongqo
-
Ukufika kwamacikilishe angamagongqongqo
Izilwanyana zivele emhlabeni kwisithuba seminyaka ezizigidi ezingamakhulu amane eyadlulayo. Zaqala ngokutya izityalo ezintsha, zandula ngokutyana zodwa.
Phakathi kwezi zilwanyana, kuvele usapho lwamacikilishe akha amakhulu, oyikekayo. Amanye awo akhula kakhulu, amakhulu ukudlula nkqu nendlovu! Kwakukho amarhamncwa amagongqongqo ayenamazinyo anobungozi, akumila okwesarha neenzipho ezibukhali. Amanye ayemakhulu ezingela odwa, amanye ayezingela ngeziqhu oku kweengcuka. Amanye kula magongqongqo ayesitya uhlaza, lawo enamazinyo amafutshane okusila izityalo. Imihlambi yolu hlobo lwamagongqongqo lwaluzulazula emathafeni.
Imizila yeenyawo kunye noxokelelwano lwamathambo ezi zirhubuluzi zoyikekayo anakho ukufumaneka kummandla waseLesotho naseFreyistata. Eminye imizila yeenyawo ikhangeleka ngokungathi yenziwa ziintaka ezakha zankulu. Ngoku siyazi ukuba iintaka ziyalamana kunye nezizirhubuluzi zamandulo, ziyinzala ephilayo.
Ubukhulu becala iziqinantsalela/iifosili zala magongqongqo afumaneka eMzantsi Afrika kwaye kusafunywana ezinye iintlobo ezintsha. Eyona isanda kufunyanwa ibizwa ngokuba ngukhakhayi-lungwevu.

