- Umhlaba wokuqala
- Iimpawu zokuqala zobomi
- Imilambo yegolide
- Ihlabathi elingumkhenkce
- IOksijini yokuqala
- Yehl’intlekele!
- Amaqokobhe/oonokrwece bokuqala
- Izityalo zongamela umhlaba
- Ukufika kwamacikilishe angamagongqongqo
-
IOksijini yokuqala
Ukuba besingabuyela emandulo, kunganyanzeleka ukuba siphefumle ngemibhobho ezele ioksijini. Umoya wamandulo wawungenayo ioksijini. Izinto zokuqala ukuphila zazingaphefumli oksijini (njengathi) okanye ezinye zingakwazi ukuyivelisa (njengezityalo). Ke ngoko ke zaziphefumla eminye imichiza afana ne-Iron okanye i-Sulfur.
Kwathi kwisithuba seminyaka ezizigidigid’ezibini ezinesiqingatha, kwaye kwavela uhlobo olutsha lweentsholongwane. Ezi ntsholongwane bezisebenzisa amandla avela ekukhanyeni kwelanga ukuzenzela ukutya. Le nkqubo ibizwa ngokuba yifotosinthesisi, kwaye ivelisa ioksijini njengenkunkuma.
Le oksijini iqale yatsazela emoyeni iphuma elwandle. Isibhakabhaka saye sazala yile oksijini okokuqala. Ioksijini kulula ukuba ixubane nayo nayiphi na into. Umzekelo, yajika umhlaba kunye nolwandle lwabomvu krwe oku komhlwa yakuba idibene nomchiza[1] oyi-Iron.
Eli yaba linyathelo elibaluleke kakhulu kuhambo lwethu, kuba oku yaba sisisekelo sokuvela kwezilwanyana eziphefumla ioksijini, kwiminyaka ngeminyaka emva kwesi siganeko.
La matye ayenziwe elwandle, abomvu oku komhlwa, asabonakala eMntla-Koloni. Siyawemba la matye, njengesimbiwa esiyi-iron, esiye siyithumele kwizibuko elikuNxweme oluseNtshona (West Coast), apho iye ithunyelwe kwizizwe ngezizwe.
[1] Umchiza – chemical

