- Umhlaba wokuqala
- Iimpawu zokuqala zobomi
- Imilambo yegolide
- Ihlabathi elingumkhenkce
- IOksijini yokuqala
- Yehl’intlekele!
- Amaqokobhe/oonokrwece bokuqala
- Izityalo zongamela umhlaba
- Ukufika kwamacikilishe angamagongqongqo
-
Imilambo yegolide
EMzantsi Afrika kukho iimbombosholo ezikumila kufana nemithambo yegolide enexabiso ebaleka phakathi kwamatye. Amasuntswana egolide asekhona nangoku ematyeni amaninzi, kodwa akabonakali ngenxa yokuba mancinci kakhulu. Xa amanzi atshisayo enkcenkceza phakathi kwala matye, la masuntswana egolide ayanyibilika, ahambe namanzi, manzi lawo athi aqokelele onke la masuntswana egolide ndawonye enze ubumbombosholo. Akuphola amanzi, igolide iye iphinde iqine, yenze iimbombosholo ezifana nemithambo yegolide ematyeni.
Kuthi emva kwexesha, ngenxa yemimoya ebhudlayo, iimvula nemilambo, obu bumbombosholo baswabululeka kwaphasalaka amahlalutyana egolide angangawentlabathi ubukhulu, nawathi akhukuliseka nemilambo ihambe iwatyekeza kwiindawo ngeendawo. Kuthi kuba inzima igolide, ingakwazi ukukhukuliseka imigama emide. Ithi ke ityekezwe ngumlambo xa imisinga yayo isiya icotha ngokucotha kwiindawo ezifana neempindo[1] zomlambo okanye engxangxasini. Iingqumba ezincinane zamahlalalutye egolide zenzeka ngolu hlobo eMzantsi Afrika, kwisithuba esiphantse sibe zizigidigidi ezithathu zeminyaka eyadlulayo. Zahamba zahamba ezi ngqumba zaqina zasisimo esithile ngelixesha intlenge iguquka isiba lilitye elambathise lagquma igolide.
Igolide imbiwa kwidolophu yaseKlerksdorp, eMntla-Ntshona, kunye nase-Welkom. Kangangesithathu ekhulwini sayo yonke igolide eyakhe yembiwa ehlabathini jikelele, iphuma eMzantsi Afrika.
[1] Impindo – river bend

