Category: Uncategorized
-
Umhlaba wokuqala

Xa umhlaba lo wawusaqaleka ukuvela, kwiminyaka ezizigidigidi ezithathu ezinesiqingatha eyadlulayo yayisisithabazi[1] samanzi eelwandle kwisijikelezi-langa. Kwakusenyanyeni, kungekho kwamhlaba, koko kubonakala amanzi odwa. Iintaba-mlilo[2] phantsi kwaloo maza olwandle, zagqabhuka, zaphuphuma zityekeza udak’olutshisa bhee[3] olwachitheka kumgangatho wolwandle[4]. Kwadaleka imilambokazi yomlilo onodaka olutshitshizayo[5]; Lwaphola lwakudibana namanz’abandayo. Lwaqina lwenz’ulwalwa olukhulu lokuqala. Olu daka lwahluke mpela kolu lutyekezwa ziintaba-mlilo namhlanje, kuba…
