Category: Uncategorized
-
Amaqokobhe/oonokrwece bokuqala

Kwiminyaka ezizigidigidi ezimbalwa zokuqala emva kokuba sekukho izinto eziphilayo, zahlala zincinane kwaye ziphila lula. Iilwandle zaziphantsi kolawulo lweentsholongwane. Izilwanyana zokuqala zivele mva ebomini bomhlaba. Ekuqaleni zazinemizimba ethambileyo njengejelifishi. Kodwa kwizigidi ezingamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu eminyaka (550 miliyoni), izidalwa zolwandle zaqala zokha amaqokobhe/oonokrewce. Olunye uhlobo, i-Cloudina, lwakha umbhobho, ukanti i-Namacalathus yona yakha udiza olubhityileyo, olunengqayi ngaphezulu.…
