Category: Uncategorized
-
Izityalo zongamela umhlaba

Umhlaba wokuqala wawuze, ungenazityalo, zinambuzane, zintaka okanye zilwanyana zanyisayo. Kwakukho amatye aze nemilambo, phezu kwawo kuqukuqela amanzi. Izityalo zokuqala zivele kwisithuba seminyaka ezizigidi ezingamakhulu amane anamashumi asixhenxe eyadlulayo. Izityalo zazisebenzisa amandla avela elangeni ukuzenzela ukutya. Ezi zityalo bezizikhulela njee ngokulula kakhulu, njengemfeyesele (imosi). Ekuhambeni kwexesha izityalo ziqale zanentsonkotha ekukhuleni, zaneengcambu, iziqu kunye namagqabi. Olunye udidi…
