Category: Uncategorized
-
Ukufika kwamacikilishe angamagongqongqo

Izilwanyana zivele emhlabeni kwisithuba seminyaka ezizigidi ezingamakhulu amane eyadlulayo. Zaqala ngokutya izityalo ezintsha, zandula ngokutyana zodwa. Phakathi kwezi zilwanyana, kuvele usapho lwamacikilishe akha amakhulu, oyikekayo. Amanye awo akhula kakhulu, amakhulu ukudlula nkqu nendlovu! Kwakukho amarhamncwa amagongqongqo ayenamazinyo anobungozi, akumila okwesarha neenzipho ezibukhali. Amanye ayemakhulu ezingela odwa, amanye ayezingela ngeziqhu oku kweengcuka. Amanye kula magongqongqo ayesitya…
