Yehl’intlekele!

Kwisithuba seminyaka ezizigidi ezibini ezidlulileyo, uMzantsi Afrika wahlaselwa lilityekazi elikhulu elalisuka emajukujukwini. Eli litye lasemajukujukwini lalingangeekhilomitha ezilishumi ukuya kwishumi elinesihlanu ububanzi. Lehla lisiza ngesona santya sidlula nesembumbulu ngokuphindaphindwe kalikhulu nangamandlakazi amakhulu.

Lathi lakuba eli litye lintlithe umhlaba,  labangela ungcangcazelomhlaba[1] kwachaphazeleka neendawo ezimgama. Amatye akufutshane aqhekeka, ophuka, aqalisa nokunyibilika apha naphaya. Olo ngcangcazelomhlaba lwabangela inyikimakazi enkulu, ubukhulu bayo yayilishumi elinesine – inkulu kunazo zonke iinyikima ezaziwayo kwimbali yoluntu. Kusenokwenzeka ukuba le nyikima ngunobangela weetsunami ezingangamakhulu eemitha ukuphakama.

Amatyekazi angamawa abukhulu babungalingana neentatyana ezincinci lilinye, awa njengesiphango esihla emoyeni, athi chithi saa kwimimandla eziikhilomitha ngeekhilomitha ukuthi qelele oku. Kwakungathi kuna amathontsi elitye elinyibilikileyo eMzantsi Afrika.

Sonke esi siganeko senzeka ngemizuzwana nje engephi. Kambe  ifuthe lona labangela uthuli olwasitha ilanga. Kusenokwenzeka ukuba oku kwabangela ukuphola kwihlabathijikelele kunye nemvula enemichiza enetyhefu.

Iintlobo zobomi zazilula kakhulu ngeli xesha. Ukuba esi siganeko besinokwenzeka ngoku, inqwaba yezilwanyana kunye nezityalo zingalahleka unaphakade.

Inxalenye yalo mngxuma eyabangelwa leli futhe isabonakala kude kufuphi nedolophu yaseVredefort. Ubungakanani besi sigingqi abusabonakali kangako ngenxa yokhukuliseko olwenzeka ekuhambeni kwexesha. Kusenokwenzeka ke ukuba ubungakanani boqobo bukangangokusuka ePitoli ukuya eWelkom. Esi sigingqiluntlitheko-litye[2] lwesibhakabhaka sesona sigingqi sikhulu saziwayo nesona sidala kwihlabathi liphela.


[1] Ungcangcazelomhlaba – shock wave
[2] Isigingqiluntlitheko-litye  lesibhakabhaka  – Impact crater


 

Leave a comment