Iimpawu zokuqala zobomi

Ekuqalekeni kwakungekho nto iphilayo emhlabeni. Kwakusenyanyeni, yonke into ifile, kuquka okusesibhakabhakeni kunye nakwiilwandle. Umhlaba wafikelwa sisiphango samatye awa emajukujukwini, xeshikweni amanzi olwandle ayetshisa bhee, enetyhefu.

Ethubeni, izinto zathanda ukuthomalala kancinane, kwaqala kwavela iintsholongwane.

Ezi ntsholongwane zaba ziziqhu ngeziqhu ezisebenzisanayo, ziphila ngokuthi ezinye ziitye ilindle lezinye. Ngentseni nganye, ezi ntsholongwane zazivuka zigqunyelelwe ludaka. Kwakunyanzeleka ukuba zithukuze ngaphaya kolo daka, zisenza umcu omtsha weeseli, zithukuthukuza ukuya  ngasekukhanyeni zikhula.  Ukwalekana kwale micu kunye nolu daka lusabonakala nanamhlanje kumatye akummandla waseBarberton. Apha eMzantsi Afrika kukho imizila ngemizila yobona bomi budala kwihlabathi liphela: abemi babemi okanye oovulindlela[1] bokuqala kulwandle olungumqwebedu.


[1] Uvulindlela – pioneer

Leave a comment