Kwiminyaka ezizigidigidi ezimbalwa zokuqala emva kokuba sekukho izinto eziphilayo, zahlala zincinane kwaye ziphila lula. Iilwandle zaziphantsi kolawulo lweentsholongwane.
Izilwanyana zokuqala zivele mva ebomini bomhlaba. Ekuqaleni zazinemizimba ethambileyo njengejelifishi. Kodwa kwizigidi ezingamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu eminyaka (550 miliyoni), izidalwa zolwandle zaqala zokha amaqokobhe/oonokrewce.
Olunye uhlobo, i-Cloudina, lwakha umbhobho, ukanti i-Namacalathus yona yakha udiza olubhityileyo, olunengqayi ngaphezulu.
Amaqokobhe ayeluncedo ekukhuseleni ezi zilwanyana kumarhamncwa alambileyo. Ngenjongo yokuzikhusela, zaqala ukuncamathelana, zokha iingqaqa ezinkulu kumgangatho wolwandle. Kwakungekho oksijini yaneleyo, ngoko ke izilwanyana kwanyanzeleka ziphile emanzini asidibi kude kufuphi nomoya.
Oonokrwece bokuqala banokufunyanwa ngakumlambo iGqili (Orange River), eMntla Koloni.

